Schools  Projects  Blogs  Log In 








Namkelekile kwi-awareNet

i-awareNet – eveliswa yi-eKhaya ICT – yi-software yalemihla, enemfundiso yengxoxo equka iqonga elikrelekrele elinikezela ithuba elikhusela abo bayisebenzisayo. Ivumela abafundi bancokole kwindawo enokhuseleko, ibapha kananjalo nethuba lokwenza ii-profile zabo kunye nee-projects (imixholo) emoyeni bebonisa isimo sentlalo yabo okanye neyiphina into abakholwa yiyo.

Abafundi banakho ukunxibelelana basebenzisane nabafunda nabo okanye nabafundi abangazange badibane nabo, nkqu nabaphesheya.

Kulindeleke ukuba umgangatho wemfundo weenkqubo ezikhuthaza oluhlobo zingankulu kakhulu yaye zingakhokelela ekuphuhliseni izinga lesingeis nezakhono zee-computer ngokumandla, ngokuphandle nje kokuvula amathuba olwazi kubafundi. i-awareNet yavezwa okokuqala ngomhla we-29th ku January 2009 kwi-Zwelenqaba Senior Secondary School. Ezinye izikolo zizakulandela kwakamsinyane.

Okuqulathiweyo 

Okwangoku isaqulathe oku kulandelayoIt :

  • abahlobo banxulumana ngee-profiles, ngokutsha ebomini babo, ngee
  • notices, njalonjalo
  • imibutho yengxoxo
  • amathala emifanekiso abo nawemibutho
  • ii-blog nee-blog aggregation
  • imiyalezo ekhawulezileyo (iincoko)
  • imiyalezo yabasebenzisi (imbalelwano)
  • ukulawula imifanekiso nee-files
  • ukwabelana ngeekhalenda
  • intsebenziswano kwii-projects ngeenjongo zokukhuthaza umanyano lweqela

iyakuphuhliswa ngokuphangaleleyo ngentsebenziswano nabafundi ukwenzela ilandele ncakasa iimfuno zabo ngelixa befunda izakhono zokusebenzisa ii-computer. Lento iyakukhuthaza kakhulu abafundi ukuba basebenzisane ngendlela ekhethekileyo, ngoba utshintsho lwakubonakala kwangoko.

Oyena nto iyakuba nomdla yindlela i-awareNet eyakusebenza ngayo, ubukhulu becala, ezandleni zabantu abatsha abangekabi namava. Izimvo neendlela yokucinga entsa yolutsha lwaseAfrika ingenza ukuba ii-awareNet ithandwe kakhulu, oko kuncedisane nokuzisa iAfrica kwi-Internet ngendlela engazang’ ibonwe yaye kukhokele kuthotho lolutsha lwaseAfrika oluyakuba nolwazi ngosapho lomhlaba. i-awareNet iyi-free/libre open source software (FLOSS) yaye inokusetyenziswa nakweyiphina i-server nangubani na.

i-eKhaya ICT

i-eKhaya ICT iyindawo ephuhlisa ikhulise i-software eneengcambu eziluqilima kwiMpuma-Koloni kunye namaphandle osapho lwase Afrika. Iinjongo zethu kukuphuhlisa ukusetyenziswa kwe-Internet kwindawo ezisakhulayo ukwenzela ukwakha unxibelelwano kwwilali (ngaphakathi nangaphandle, ekhaya naphesheya) kunye nokuphuhlisa imfundo, impikiswano de ekugqibeleni kukhuphule izinga lomnotho nge-software development. [ home page >> ]


i-Village Scribe Association 

i-Village Scribe Association ifuna ukwandisa iimbono yaye ikhulise namathuba abantu abantu abangathathi ntweniwants. Eyona ngqwalasela yethu ilele ekukhuliseni imfundo kwezondawo zabantu ezisakhasayo kwezona kona zamaphandle angakhathalekanga ukuze banganeli nje kukukwazi ukuzinceda, koko bakwazi nokwandisa ulwazi lukubaluleka kwabo nenkxaxheba abanokuyidlala. 

Injongo yethu kukuthelekelela, size ne-, sense, yaye sincedise kulwazi lwalemihla lwe-technology ukuncedisana nabantu kwiindawo ezisakhulayo babenokuzimela bakwazi nokuzenzela imali. Kubalulekile ke kuthi ukuba zonke ii-projects esizincedisayo zibe nokuzimela. Lombutho wethu ilawula incedise ii-p;rojects ezikhoyo, umzekelo: i-ECSPIRT Project equka ukuphuhliswa nokusetyenziswa kwe-awareNet. [ home page >> ]


i-ECSPIRT Project

i-Eastern Cape Schools Participatory Internet Research and Training Project yasekelwa ukuba mayilungisane nomngeni wonqongophalo lweetitshala kwizikolo zasemaphandleni kwindawo ebisakwaziwa ngokuba kuphesheya kweNciba (Transkei) apha eMzantsi Afrika. Ifuna ukuzisa isisombululo esintlu-mbini kwiimeko apho ii-computer ne-Internet zifumanekayo.

Okukuqala, eqhubekekayo, inengeniso yaye ezimeleyo ingqeqesho izakusekwa. Oko kuyakuqinisekisa ukuba uluhlu lwabafundi bayakufumana uqeqesho olufanelekileyo nokuba nayo indawo yekomputha iyakube isetyenziswa lonke ixesha. Okwesibini okuhambisanayo neprogram yoqeqesho, i-software entsha i-awareNet iyakusetyenziselwa ukuncedisana nabafundi. [ read more >> ]





Password through Pictures
Username
Password