Schools  Projects  Blogs  Log In 








Forums

Ukuba yinxenye ye-forum (okanye iqumrhu lengxoxo) kubalulekile. Kodwa ngamanye amaxesha kuye kuthatyathwe njengento eqhekeza ingqondo. Kanti akumele kube njalo. Umzekelo ophilayo buburharha endiye ndabuva ngomnye umhlobo.

UBra-Sky usebenza eBhayi eshiya 
umfazi osemtsha kunye nonyana wakhe oneminyaka emibini enesiqingatha. 
Mfazi-ndini unesithukuthezi de azifumanele ikrexe. Kuba enomntwana omncinane 
ugqiba ekubeni ikrexe eli malimana lilala apha endlwini yakhe nto leyo etheth’ 
ukuba umntwana kufuneka alale phantsi.

Kucac’ ukuba lentwana ayiyithandi 
lento yokulaliswa phantsi. Uyise uyabuya ngenye imini ephathele unyana wakhe 
imotwana yokudlala. Utantyi lo (ikrexe) ukhona; ubaleka angene phantsi kwebhedi 
engakabonwa ngumninimzi. Njengokuba unina noyise bencokola 
behleli phezu kwebhedi, unyana uqhuba inqwelwana yakhe apha phantsi, emana 
ukuyijika ngasemadolweni alomfo uziqothileyo – umana ukuphepha.

Uth’ unyana: “Uyaminca! Uyakubeth’ 
uny’ utata. Ngethamsanqa lekrexe uyise 
womntwana ucinga ukuba unyana uncokola nababantu bangekhoyo abantwana bathand’ 
ukuncokola nabo.

Eyona njongo yalomzekelo walibali kukubonisa ukuba ezinye zezinto abantwana abazibonayo bakhula nazo. Incoko ingavuleleka ke apha kuxoxwa ngokuba iziqhamo zeziphi.
[permalink]
Posted: February 12th 2010 10:44


More >>





picture 6

  Please log in to view this section.