Schools  Projects  Blogs  Log In 








UTHOTHO LWEZIKOLO ZAZERHINI ZIJONGWE KUKUVALWA

Kukho into ebuhlungu, ekhangeleka ibuqheleka yezikolo zasezilokishini apha eRhini ezisecicini lokuvalwa. Iba lusizi mpela ke xa ucinga ukuba ledolophu idlale indima enkulu kwimfundo yomntu omnyama apha eMzantsi Afrika. INathaniel Nyaluza ne-Andrew Moyakhe zezinye zezikolo ezidala kwiphondo leMpumakoloni.

Kungumdla ukwazi ukuba, ngokungaphandle nje kweNombulelo, ezizikolo zithiywe ngamagama abantu ekucaca ukuba babedlale indima enkulu kumphakathi mandulo. Umzekelo, iMakana ithiywe NgoNxele owayeyimboni edume kakhulu kwinkulungwane yeshumi elinesithoba.

I-Andrew Moyakhe, i-Benjamin Mahlasela neMakana zingabe sezivaliwe kungekudala ngoba azinambizane kubafundi. Mhlawumbi ke yindlela ukuguquka kwendalo okuhamba ngayo, kodwa ezizikolo zinomnombo obaluleke kakhulu kuthi.

Nangona ingekho mngciphekweki wokuvalwa iMary Waters, kodwa ibixhomekeke kubafundisi-ntsapho bethutyana abathe banyanzeleka ukuba bemnke. Kulusizi ukubona ukuba siyasokola ngenxa yokungakhathali kweSebe lezeMfundo.

Uninzi lwethu, nkqu nam, asiyazi imvela-phi yalamagama ezizikolo zithiywe ngawo. Mna ndaqala ukuba nomdla ngosuke ndisebenzele uMbutho wabaMeli beLali ndanyanzeleka ukuba ndihambele ezizikolo. Mhlawumbi ukuba besinolwazi, besiyakudlala indima ebonakalayo ekuzilondolozeni.

Ndibhekisa phi ngayo yonke lentshwaqane? Endifun' ukutsho kukuba ayizozikolo zabantwana bethu kuphela ezi, koko uninzi lwethu - ndithetha abo bakhulele apha eRhini - baafunda kwezizikolo nabo. Kunganjani ukuba sinokusebenzisana ekuqulungqeni, sishicelele lomnombo wazo kunye nabo zithiywe ngabo? UKUBA UNOMDLA UNGAYA KWI-FORUMS ZAKWA-AWARENET APHO UYAKUFUMANA ENYE ETHETHA NGAMAGAMA EZIKOLO

[permalink]
Posted: April 1st 2011 08:22


More >>





picture 6

  Please log in to view this section.