Ndingu Tsepiso Sathie wakwa Nzayo, ungandibiza “Mbuzobuciko” xa uthanda. Eli liqonga lam lezimvo nesizakuthi sabelane ngezimvo, iingcebiso ukuze siphuhle. Sizakuthi ke sixoxe izinto gabalala ngokuquka ezopolitiko, ezemfundo, ezolonwabo, ezempilo, ezeqoqosho, okusingqongileyo nezinye-nezinye.
Ngxatsho ke Village Scribe Association ngokuthi undiyeke ndibeke lembiza yam kulomlilo wenu, iyabanda ke noko, ngemvume yakho nabangaphezulu, sele ndiqokelele iintsasa kunye neenkuni ukuze ndibase ndikhe ndiyifudumeze kancinci pahmbi kokuba ndiphakele abantu.
Ntozakuthi, khululani ke iibhatyi zenu kuba nonke namkelekile. Khumbula ukuba ufuna ukucebisa ngeli qonga, wamkelekile ukundibhalela ngokuthi usebenzise inyoba le yeqonga okanye undithumelele umyalezo ngeposi yombane ku mbuzobuciko@gmail.com
Ndisasithela!!!